ASEBENZA NJANI AMALUNGU?
Ilungu yinxenye yomzimba apho ithambo elinye liye ligudleke kwelinye ithambo. Amathambo amabini adityaniswe yimisipha, egcina amathambo esendaweni ngexa izihlunu zisoluleka ziphinde zibe zifutshane ukwenza ukuba ilungu lishukume.
Iziphelo zezihlunu ziye zibe zincinane kwaye zakhe imisipha, efakwe ethanjeni
Ekupheleni kwethambo kukho umaleko wentlala. Intlala ikhona phakathi kwelungu. Intlala ikhusela amathambo ukuba angakhuhlani kwaye isebenza njenge-shock absorber.
Isithuba esikumalungu ngumngxuma welungu oqulethe ulwelo lwe-synovial. Olu lwelo luthambisa ilungu kwaye linike isondlo kwilungu nakwintlala.
Ukushukuma kwelungu kwenzeka xa isihlunu sifinyela sitsala umsipha, oye ke ushukimise amathambo amabini ukuba asondelelane okanye elinye liye kude kunelinye.
INGABA KUKHO IINTLOBO EZAHLUKENEYO ZE-ARTHRITIS?
Kukho iintlobo ezahlukeneyo ze-ARTHRITIS. Kukho izifo ezingaphezulu kwekhulu ezinokubanga i-arthritis.
I-RA sisifo umntu anokuphila naso kwaye sichaphazela wonke umzimba sinemvakalo jikelele yokuziva ungaphilanga. Iimpawu ezingundoqo kukudumba, ukuba bomvu, ubushushu kunye neentlungu kumalungu. I-RA ngesiqhelo okokuqala ibonakala kumalungu amancinane eenyawo, izandla kunye nasezihlahleni. Iye ke ngoko idlulele kumalungu amakhulu-eengqiniba, emagxalabeni nasemadolweni. Xa i-RA isiba mandundu, amalungu aye abe nobulima kwaye aqine kakhulu ukuba ashukume.
I-Osteoarthritis (OA) yimeko eziphumo zayo zingavela ekukrazukeni nasekugugeni kwamalungu afana namadolo, iinyonga neminwe, okanye inokuvela ekonzakaleni. Esi sisifo samalungu kuphela, kwaye asichaphazeli umzimba wonke. I-OA ichaphazela zonke iinxenye zelungu ibange iintlungu nokuqina okukhulu, ingakumbi emva kokusebenzisa umzimba.
I-Gout sisifo senguquko yokutya emzimbeni edluliswa lufuzo olosulelayo lonobangela ongaziwayo.
I-arthritis inokuchaphazela nabani na. Ezinye iintlobo ze-arthritis kumaxa amaninzi zinokwenzeka kumalungu osapho lomntu one- arthritis.
I- arthritis ichaphazela abantu abakwiminyaka yonke, kuqukwa nabantwana.
I-Secondary arthritis ixhaphake kubantu abatsha, amabhinqa namadoda, kwaye inxulunyaniswa nezinto ezifana nosulelo, imidlalo okanye ukwenzakala.
I-osteoarthritis ixhaphake kakhulu kubantu abadala.
A AMANYATHELO JIKELELE
Yehlisa ubunzima ukuba utyebile, okanye utyebe ngokugqithisileyo; yolula izihlunu ngokuzilolonga; buphephe utywala nokutya okuthile. kwi-Gout; kulumkele ukutya okune-purine ephezulu/ephakathi okufana nenyama ebomvu, ibhekhoni, iinkowane, intlanzi, isipinatshi, iimbotyi ezomileyo, ii-ertyis ezomileyo neelentile
Ukusetyenziswa kwesikhuseli sokubopha ithambo elaphukileyo, nokokuphoba idolo neqatha, intonga yokuhamba, iintonga ohamba ngazo xa uqhwalela kunye nezinye izinto ziyazinceda izigulane, kodwa ke kuxhomekeka ekubeni ngawaphi amalungu abandakanyekayo kunye nokuba mkhulu komonakalo welungu.
B AMAYEZA
Amachiza e-Non-steriodal anti-inflammatory alunge kakhulu ekunciphiseni iintlungu, ukuqina kunye nokudumba kwamalungu. Wasebenzise ngononophelo
C UQHAQHO
Ukuba ngaba isigulane sinomonakalo ongamandla kwilungu inokuba yimfuneko ke ngoko ukuba senziwe uqhaqho ukudambisa iintlungu kunye nokuphucula ukusebenza kwelungu. Ngamanye amaxesha uqhaqho luyafuneka ukuthintela umonakalo ongaphaya kwilungu.
YINTONI ONGAYENZA UKUBA UCINGA UKUBA UNE-ARTHRITIS
